-
-
Xhosa
-
-
11
|Juan 19:11|
Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.
-
12
|Juan 19:12|
Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.
-
13
|Juan 19:13|
Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; ke ngesiHebhere yiGabhata.
-
14
|Juan 19:14|
Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika, ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu!
-
15
|Juan 19:15|
Ke wona ankqangaza esithi, Susa, susa, mbethelele emnqamlezweni! Athi uPilato kuwo, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Thina asinakumkani ungenguye uKesare.
-
16
|Juan 19:16|
Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni.
-
17
|Juan 19:17|
Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota,
-
18
|Juan 19:18|
apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.
-
19
|Juan 19:19|
Ke kaloku uPilato wabhala nombhalo, wawubeka phezu komnqamlezo. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa: uYesu waseNazarete, uKumkani wamaYuda.
-
20
|Juan 19:20|
Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40