-
-
Xhosa
-
-
31
|Juan 19:31|
AmaYuda ngoko, ukuze imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha, ekubeni yayiyimini yokulungiselela isabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, basuswe.
-
32
|Juan 19:32|
Eza ngoko amasoldati, ayaphula okunene imilenze yowokuqala, neyomnye obebethelelwe emnqamlezweni naye.
-
33
|Juan 19:33|
Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe.
-
34
|Juan 19:34|
Lesuka elinye isoldati lamhlaba ngomkhonto ecaleni; kwaoko kwaphuma igazi namanzi.
-
35
|Juan 19:35|
Nalowo ubonileyo ungqinile, nobungqina bakhe buyinyaniso; naye yena uyazi ukuba uthetha inyaniso, ukuze nani nikholwe.
-
36
|Juan 19:36|
Kuba zenzeka ezi zinto, ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kutyunyuzwa thambo lakhe.
-
37
|Juan 19:37|
Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.
-
38
|Juan 19:38|
Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; weza ke wawususa umzimba kaYesu.
-
39
|Juan 19:39|
Kwafika ke noNikodemo (lowo wezayo kuYesu ebusuku ekuqaleni), ephethe impithikezo yemore nekhala, ngathi iziiponti ezilikhulu ngobunzima.
-
40
|Juan 19:40|
Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40