-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 19:21|
Babesithi ngoko kuPilato ababingeleli abakhulu bamaYuda, Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda.
-
22
|Juan 19:22|
Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile.
-
23
|Juan 19:23|
Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo ezine, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke kaloku, ingubo yangaphantsi yabe ingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu.
-
24
|Juan 19:24|
Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na; ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Babelana ngeengubo zam, Benza amaqashiso ngesambatho sam. Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto.
-
25
|Juan 19:25|
Kwakumi ke ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala.
-
26
|Juan 19:26|
UYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho!
-
27
|Juan 19:27|
Andule athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa, umfundi lowo wamthabatha, wamsa kwikhaya lakhe.
-
28
|Juan 19:28|
Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe.
-
29
|Juan 19:29|
Bekumi ke isitya sizele yiviniga; bazalisa ke bona imfunxa ngeviniga; bayibeka phezu kwehisope, bayisa emlonyeni wakhe.
-
30
|Juan 19:30|
Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40