-
-
Xhosa
-
-
12
|Juan 11:12|
Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wosinda.
-
13
|Juan 11:13|
Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo.
-
14
|Juan 11:14|
Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile.
-
15
|Juan 11:15|
Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibe ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye.
-
16
|Juan 11:16|
Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.
-
17
|Juan 11:17|
Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zone.
-
18
|Juan 11:18|
(Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya ezingathi zilishumi elinazihlanu.)
-
19
|Juan 11:19|
Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.
-
20
|Juan 11:20|
Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini.
-
21
|Juan 11:21|
Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34