-
-
Xhosa
-
-
24
|Juan 10:24|
Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu, sixelele ngokuphandle.
-
25
|Juan 10:25|
Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.
-
26
|Juan 10:26|
Nina anikholwa; kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.
-
27
|Juan 10:27|
Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
-
28
|Juan 10:28|
mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.
-
29
|Juan 10:29|
UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.
-
30
|Juan 10:30|
Mna noBawo sibanye.
-
31
|Juan 10:31|
Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.
-
32
|Juan 10:32|
Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo?
-
33
|Juan 10:33|
Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulu beli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu nje, usuke uzenze uThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34