-
-
Xhosa
-
-
35
|Juan 9:35|
Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo?
-
36
|Juan 9:36|
Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye?
-
37
|Juan 9:37|
Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe.
-
38
|Juan 9:38|
Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye.
-
39
|Juan 9:39|
Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama.
-
40
|Juan 9:40|
Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na?
-
41
|Juan 9:41|
Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.
-
1
|Juan 10:1|
Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.
-
2
|Juan 10:2|
Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.
-
3
|Juan 10:3|
Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34