-
-
Xhosa
-
-
25
|Juan 9:25|
Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.
-
26
|Juan 9:26|
Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho?
-
27
|Juan 9:27|
Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?
-
28
|Juan 9:28|
Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.
-
29
|Juan 9:29|
Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.
-
30
|Juan 9:30|
Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.
-
31
|Juan 9:31|
Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.
-
32
|Juan 9:32|
Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama.
-
33
|Juan 9:33|
Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.
-
34
|Juan 9:34|
Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ufundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36