-
-
Xhosa
-
-
5
|Juan 9:5|
Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.
-
6
|Juan 9:6|
Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo.
-
7
|Juan 9:7|
Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona.
-
8
|Juan 9:8|
Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba?
-
9
|Juan 9:9|
Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye.
-
10
|Juan 9:10|
Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho?
-
11
|Juan 9:11|
Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona.
-
12
|Juan 9:12|
Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Athi, Andazi.
-
13
|Juan 9:13|
Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama.
-
14
|Juan 9:14|
Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36