-
-
Xhosa
-
-
34
|Juan 8:34|
Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.
-
35
|Juan 8:35|
Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade.
-
36
|Juan 8:36|
Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.
-
37
|Juan 8:37|
Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni.
-
38
|Juan 8:38|
Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo.
-
39
|Juan 8:39|
Aphendula athi kuye, Ubawo thina nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham.
-
40
|Juan 8:40|
Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; akakwenzanga oko uAbraham.
-
41
|Juan 8:41|
Nina nenza imisebenzi yooyihlo. Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo.
-
42
|Juan 8:42|
Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.
-
43
|Juan 8:43|
Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36