-
-
Xhosa
-
-
4
|Juan 8:4|
bathi kuye, Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi.
-
5
|Juan 8:5|
Ke kaloku, emthethweni uMoses wasimisela ukuthi, abanjalo mabagityiselwe ngamatye; uthini na ke wena?
-
6
|Juan 8:6|
Babesitsho ke bemhenda, ukuze babe nokummangalela; kodwa uYesu, ethobe phantsi, wabhala ngomnwe emhlabeni.
-
7
|Juan 8:7|
Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye.
-
8
|Juan 8:8|
Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni.
-
9
|Juan 8:9|
Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi.
-
10
|Juan 8:10|
Ephakamile ke uYesu, akabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na?
-
11
|Juan 8:11|
Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.
-
12
|Juan 8:12|
Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.
-
13
|Juan 8:13|
Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36