-
-
Xhosa
-
-
24
|Juan 8:24|
Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.
-
25
|Juan 8:25|
Abesithi ngoko kuye, Ungubani wena? Wathi kuwo uYesu, Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqaleni.
-
26
|Juan 8:26|
Ndineendawo ezininzi zokuthetha nokugweba ngani; lowo wandithumayo uyinene; ndithi ke mna, izinto endazivayo kuye, ndithethe zona ezo kwihlabathi.
-
27
|Juan 8:27|
Akaqondanga ukuba ebethetha ngoYise kuwo.
-
28
|Juan 8:28|
Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.
-
29
|Juan 8:29|
Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.
-
30
|Juan 8:30|
AkubonÂ’ ukuba uyazithetha ezi zinto, bakholwa kuye, baba baninzi.
-
31
|Juan 8:31|
Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso.
-
32
|Juan 8:32|
Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.
-
33
|Juan 8:33|
Amphendula, athi, Thina siyimbewu ka-Abraham; asizanga sibe sebukhobokeni nakubani; utsho ngani na wena ukuthi, Noba ngabakhululekileyo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36