-
-
Xhosa
-
-
14
|Juan 8:14|
Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.
-
15
|Juan 8:15|
Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye.
-
16
|Juan 8:16|
Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo.
-
17
|Juan 8:17|
Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene.
-
18
|Juan 8:18|
Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.
-
19
|Juan 8:19|
Bathi ngoko kuye, Uphi na uYihlo? Waphendula uYesu, wathi, Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.
-
20
|Juan 8:20|
Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa etempileni; akwabakho namnye umbambayo; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.
-
21
|Juan 8:21|
Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.
-
22
|Juan 8:22|
Abesithi ngoko amaYuda, Angaba uya kuzibulala na, le nto athi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina?
-
23
|Juan 8:23|
Wathi kuwo, Nina ningabangaphantsi, mna ndingowangaphezulu; nina ningabeli hlabathi, mna andingoweli hlabathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36