-
-
Xhosa
-
-
37
|Juan 7:37|
Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele.
-
38
|Juan 7:38|
Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.
-
39
|Juan 7:39|
Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.
-
40
|Juan 7:40|
Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu.
-
41
|Juan 7:41|
Babesithi abanye, uKristu angavela kwelaseGalili yini na?
-
42
|Juan 7:42|
Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?
-
43
|Juan 7:43|
Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.
-
44
|Juan 7:44|
Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla.
-
45
|Juan 7:45|
Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye?
-
46
|Juan 7:46|
Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36