-
-
Xhosa
-
-
7
|Juan 7:7|
Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.
-
8
|Juan 7:8|
Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki.
-
9
|Juan 7:9|
Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili.
-
10
|Juan 7:10|
Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela.
-
11
|Juan 7:11|
Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena?
-
12
|Juan 7:12|
Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu.
-
13
|Juan 7:13|
Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda.
-
14
|Juan 7:14|
Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa.
-
15
|Juan 7:15|
Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje?
-
16
|Juan 7:16|
Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36