-
-
Xhosa
-
-
27
|Juan 7:27|
Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona.
-
28
|Juan 7:28|
Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina.
-
29
|Juan 7:29|
Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile.
-
30
|Juan 7:30|
Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki.
-
31
|Juan 7:31|
Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, UKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?
-
32
|Juan 7:32|
AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.
-
33
|Juan 7:33|
Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndize ndiye kowandithumayo.
-
34
|Juan 7:34|
Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina.
-
35
|Juan 7:35|
Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na?
-
36
|Juan 7:36|
Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36