-
-
Xhosa
-
-
17
|Juan 7:17|
Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na.
-
18
|Juan 7:18|
Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye.
-
19
|Juan 7:19|
Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala?
-
20
|Juan 7:20|
Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala?
-
21
|Juan 7:21|
Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke.
-
22
|Juan 7:22|
UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalusa ke umntu nangesabatha.
-
23
|Juan 7:23|
Ukuba umntu uyaluswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?
-
24
|Juan 7:24|
Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.
-
25
|Juan 7:25|
Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala?
-
26
|Juan 7:26|
Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36