-
-
Xhosa
-
-
58
|Juan 6:58|
Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade.
-
59
|Juan 6:59|
Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum.
-
60
|Juan 6:60|
Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva?
-
61
|Juan 6:61|
Ke kaloku, esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku?
-
62
|Juan 6:62|
Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona?
-
63
|Juan 6:63|
Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.
-
64
|Juan 6:64|
Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela.
-
65
|Juan 6:65|
Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.
-
66
|Juan 6:66|
Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye.
-
67
|Juan 6:67|
Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36