-
-
Xhosa
-
-
48
|Juan 6:48|
Ndim isonka sobomi.
-
49
|Juan 6:49|
Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko.
-
50
|Juan 6:50|
Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi.
-
51
|Juan 6:51|
Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.
-
52
|Juan 6:52|
Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?
-
53
|Juan 6:53|
Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.
-
54
|Juan 6:54|
Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
-
55
|Juan 6:55|
Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.
-
56
|Juan 6:56|
Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.
-
57
|Juan 6:57|
Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36