-
-
Xhosa
-
-
18
|Juan 6:18|
Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu.
-
19
|Juan 6:19|
Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika.
-
20
|Juan 6:20|
Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.
-
21
|Juan 6:21|
Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.
-
22
|Juan 6:22|
Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemke bodwa abafundi bakhe;
-
23
|Juan 6:23|
nokuba kuze eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi:
-
24
|Juan 6:24|
xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu.
-
25
|Juan 6:25|
Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha?
-
26
|Juan 6:26|
Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.
-
27
|Juan 6:27|
Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36