-
-
Xhosa
-
-
45
|Juan 5:45|
Ningabi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina.
-
46
|Juan 5:46|
Kuba, ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim; kuba yena wabhala ngam.
-
47
|Juan 5:47|
Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe yena, ningathini na ukukholwa ngawam amazwi?
-
1
|Juan 6:1|
Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya.
-
2
|Juan 6:2|
Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa.
-
3
|Juan 6:3|
Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe.
-
4
|Juan 6:4|
Yaye ke ikufuphi ipasika, umthendeleko wamaYuda.
-
5
|Juan 6:5|
Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?
-
6
|Juan 6:6|
Ubesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza.
-
7
|Juan 6:7|
UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3