-
-
Xhosa
-
-
28
|Juan 6:28|
Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo?
-
29
|Juan 6:29|
Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.
-
30
|Juan 6:30|
Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na?
-
31
|Juan 6:31|
Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona.
-
32
|Juan 6:32|
Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso.
-
33
|Juan 6:33|
Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.
-
34
|Juan 6:34|
Bathi ke ngoko kuye, Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke.
-
35
|Juan 6:35|
Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade.
-
36
|Juan 6:36|
Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko.
-
37
|Juan 6:37|
Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36