-
-
Xhosa
-
-
8
|Juan 6:8|
Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros,
-
9
|Juan 6:9|
Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?
-
10
|Juan 6:10|
Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.
-
11
|Juan 6:11|
Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.
-
12
|Juan 6:12|
Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.
-
13
|Juan 6:13|
Babutha ngoko, bazalisa izitya zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonkeni ezihlanu zerhasi.
-
14
|Juan 6:14|
Ngoko abantu aba, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini.
-
15
|Juan 6:15|
Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni Yena yedwa.
-
16
|Juan 6:16|
Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle.
-
17
|Juan 6:17|
Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36