-
-
Xhosa
-
-
25
|Juan 5:25|
Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.
-
26
|Juan 5:26|
Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe.
-
27
|Juan 5:27|
Wamnika negunya lokugweba; ngokuba enguNyana woMntu.
-
28
|Juan 5:28|
Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe;
-
29
|Juan 5:29|
baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.
-
30
|Juan 5:30|
Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndigweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.
-
31
|Juan 5:31|
Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene.
-
32
|Juan 5:32|
Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina abungqinayo ngam.
-
33
|Juan 5:33|
Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso.
-
34
|Juan 5:34|
Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3