-
-
Xhosa
-
-
49
|Juan 4:49|
Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam.
-
50
|Juan 4:50|
Athi uYesu kulo, Hamba uhambe; unyana wakho uhleli. Wakholwa umntu lowo lilizwi awalithethayo uYesu kuye, wahamba ke.
-
51
|Juan 4:51|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli.
-
52
|Juan 4:52|
Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina.
-
53
|Juan 4:53|
Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela.
-
54
|Juan 4:54|
Lo mqondiso ke wesibini wawenza uYesu, eselephumile kwelakwaYuda, weza kwelaseGalili.
-
1
|Juan 5:1|
Emveni kwezi zinto, kwaye kukho umthendeleko wamaYuda, wenyuka uYesu waya eYerusalem.
-
2
|Juan 5:2|
Ke kaloku kukho eYerusalem apho, ngakwelezimvu isango, ichibi, ekuthiwa ukubizwa yiBhetesda ngesiHebhere, lineevaranda ezintlanu.
-
3
|Juan 5:3|
Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi.
-
4
|Juan 5:4|
Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3