-
-
Xhosa
-
-
5
|Juan 5:5|
Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe.
-
6
|Juan 5:6|
UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Uyafuna na ukuba uphile?
-
7
|Juan 5:7|
Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubonÂ’ ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.
-
8
|Juan 5:8|
Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.
-
9
|Juan 5:9|
Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba. Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini.
-
10
|Juan 5:10|
Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho.
-
11
|Juan 5:11|
Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe.
-
12
|Juan 5:12|
Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe?
-
13
|Juan 5:13|
Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubonÂ’ ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo.
-
14
|Juan 5:14|
Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Uyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3