-
-
Xhosa
-
-
15
|Juan 5:15|
Wemka umntu lowo, waxela kumaYuda, ukuba nguYesu omenze waphila.
-
16
|Juan 5:16|
Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha.
-
17
|Juan 5:17|
Wawaphendula ke uYesu wathi, UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.
-
18
|Juan 5:18|
Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo.
-
19
|Juan 5:19|
Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo;
-
20
|Juan 5:20|
kuba uYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena; uya kumbonisa nemisebenzi emikhulu kunale, ukuze nina nimangaliswe.
-
21
|Juan 5:21|
Kuba, njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo.
-
22
|Juan 5:22|
Kuba kananjalo uYise akagwebi namnye; uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana;
-
23
|Juan 5:23|
ukuze bonke bambeke uNyana, kwanjengoko bambekayo uYise. Lowo ungambekiyo uNyana, akambeki uYise owamthumayo.
-
24
|Juan 5:24|
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Deuteronomio 1-3