-
-
Xhosa
-
-
68
|Juan 6:68|
Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.
-
69
|Juan 6:69|
Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.
-
70
|Juan 6:70|
Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi.
-
71
|Juan 6:71|
Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.
-
1
|Juan 7:1|
Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala.
-
2
|Juan 7:2|
Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba.
-
3
|Juan 7:3|
Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo.
-
4
|Juan 7:4|
Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.
-
5
|Juan 7:5|
Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.
-
6
|Juan 7:6|
Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36