-
-
Xhosa
-
-
54
|Juan 8:54|
Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nina nguThixo wenu.
-
55
|Juan 8:55|
Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe.
-
56
|Juan 8:56|
UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya.
-
57
|Juan 8:57|
Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham?
-
58
|Juan 8:58|
Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.
-
59
|Juan 8:59|
Ngoko achola amatye, ukuze amgibisele; wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwawo; wenjenjalo ukudlula.
-
1
|Juan 9:1|
Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe.
-
2
|Juan 9:2|
Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje?
-
3
|Juan 9:3|
Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo.
-
4
|Juan 9:4|
Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36