-
-
Xhosa
-
-
15
|Juan 9:15|
Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke.
-
16
|Juan 9:16|
Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Bathi qheke kubini.
-
17
|Juan 9:17|
Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti.
-
18
|Juan 9:18|
Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona.
-
19
|Juan 9:19|
Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Phofu ubona ngani na ngoku?
-
20
|Juan 9:20|
Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama;
-
21
|Juan 9:21|
le nto ke abonayo ngoku asazi, novule amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela.
-
22
|Juan 9:22|
Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu, aze akhutshwe esikhungwini.
-
23
|Juan 9:23|
Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.
-
24
|Juan 9:24|
Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36