-
-
Xhosa
-
-
4
|Juan 10:4|
Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe.
-
5
|Juan 10:5|
Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini.
-
6
|Juan 10:6|
Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.
-
7
|Juan 10:7|
Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.
-
8
|Juan 10:8|
Bonke abezayo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga.
-
9
|Juan 10:9|
Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.
-
10
|Juan 10:10|
Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.
-
11
|Juan 10:11|
Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.
-
12
|Juan 10:12|
Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.
-
13
|Juan 10:13|
Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36