-
-
Xhosa
-
-
34
|Juan 10:34|
Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo?
-
35
|Juan 10:35|
Ukuba uthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa),
-
36
|Juan 10:36|
nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?
-
37
|Juan 10:37|
Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim.
-
38
|Juan 10:38|
Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye.
-
39
|Juan 10:39|
Abuya ngoko afuna ukumbamba; waphuluka ezandleni zawo.
-
40
|Juan 10:40|
Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona.
-
41
|Juan 10:41|
Kweza babaninzi kuye, bathi, UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene.
-
42
|Juan 10:42|
Bathi abaninzi bakholwa kuye khona apho.
-
1
|Juan 11:1|
Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Crónicas 10-13