-
-
Xhosa
-
-
8
|Juan 20:8|
Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa;
-
9
|Juan 20:9|
kuba babengekasazi isibhalo esithi, umelwe kukuthi avuke kwabafileyo.
-
10
|Juan 20:10|
Babuya ngoko abafundi bagoduka.
-
11
|Juan 20:11|
Ke kaloku uMariya ebemi ngaphandle ngasengcwabeni, elila; xa ke ebelila, waqondela engcwabeni.
-
12
|Juan 20:12|
Wabona izithunywa zezulu ezibini, zam bethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu.
-
13
|Juan 20:13|
Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kuzo; Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona.
-
14
|Juan 20:14|
Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu.
-
15
|Juan 20:15|
Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha.
-
16
|Juan 20:16|
Athi uYesu kuye, Mariya! Wajika yena wathi kuye, Rabhoni! (oku kukuthi, Mfundisi).
-
17
|Juan 20:17|
Uthi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Crónicas 8-9