-
-
Xhosa
-
-
28
|Juan 20:28|
Uphendule uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam!
-
29
|Juan 20:29|
Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.
-
30
|Juan 20:30|
Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi;
-
31
|Juan 20:31|
kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.
-
1
|Juan 21:1|
Emva koko waphinda uYesu wazibonakalalisa kubafundi ngaselwandle lwaseTibheriya. Wenjenje ke ukuzibonakalalisa.
-
2
|Juan 21:2|
Babendawonye uSimon Petros, noTomas okuthiwa nguDidimo, noNataniyeli waseKana yelaseGalili, nabakaZebhedi, nabanye kubafundi bakhe bebabini.
-
3
|Juan 21:3|
Athi uSimon Petros kubo, Ndiya kubambisa iintlanzi. Bathi kuye, Nathi siyaya nawe. Baphuma bangena emkhombeni kwaoko. Ngobo busuku ababamba nto.
-
4
|Juan 21:4|
Ke kaloku, kwakuba sekusile, wema uYesu elunxwemeni; noko abafundi bebengazi ukuba nguYesu.
-
5
|Juan 21:5|
Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Bamphendula bathi, Hayi.
-
6
|Juan 21:6|
Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21