-
-
Xhosa
-
-
18
|Juan 20:18|
Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.
-
19
|Juan 20:19|
Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubonÂ’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe.
-
20
|Juan 20:20|
Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.
-
21
|Juan 20:21|
Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.
-
22
|Juan 20:22|
Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;
-
23
|Juan 20:23|
abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.
-
24
|Juan 20:24|
Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu.
-
25
|Juan 20:25|
Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.
-
26
|Juan 20:26|
Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubonÂ’ ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.
-
27
|Juan 20:27|
Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21