-
-
Xhosa
-
-
1
|Josué 1:1|
Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana KaNun,
-
2
|Josué 1:2|
umlungiseleli kaMoses, wathi, UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona onyana bakaSirayeli.
-
3
|Josué 1:3|
Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses.
-
4
|Josué 1:4|
Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu.
-
5
|Josué 1:5|
Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya.
-
6
|Josué 1:6|
Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona oyise, ukuba ndiya kubanika.
-
7
|Josué 1:7|
Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona.
-
8
|Josué 1:8|
Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.
-
9
|Josué 1:9|
Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.
-
10
|Josué 1:10|
Waza uYoshuwa wabawisela umthetho ababhali babantu, wathi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7