-
-
Xhosa
-
-
3
|Josué 2:3|
Wathumela ukumkani waseYeriko kuRahabhi, esithi, Wakhuphe amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yakho; kuba aze kulihlola lonke ilizwe.
-
4
|Josué 2:4|
Yawathabatha loo nkazana loo madoda omabini, yawafihla; yathi, Okunene afikile kum amadoda lawo, andazi ukuba avela ngaphi na;
-
5
|Josué 2:5|
kwathi, ukuvalwa kwesango, kwakuba mnyama, amadoda lawo aphuma; andazi ukuba aye ngaphi na amadoda lawo; wasukeleni kamsinya, ngokuba nowafumana.
-
6
|Josué 2:6|
Ke yona yayiwanyusele phezu kwendlu, yawaqhusheka ezindizeni zeflakisi, eyabe izicwangcise phezu kwendlu.
-
7
|Josué 2:7|
Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan eya emazibukweni; lavalwa isango emveni kokuba bephumile abo basukelayo.
-
8
|Josué 2:8|
Engekalali amadoda, yenyuka yona yaya kuwo phezu kwendlu; yathi kuloo madoda,
-
9
|Josué 2:9|
Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba siwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathe amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu.
-
10
|Josué 2:10|
Kuba sivile ukuba uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu phambi kwenu ekuphumeni kwenu phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, oSihon no-Ogi, enabasingela phantsi.
-
11
|Josué 2:11|
Sivile ke, zanyibilika iintliziyo zethu, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo mntwini ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi apha.
-
12
|Josué 2:12|
Kaloku khanindifungele uYehova, nithi, kuba ndinenzele inceba, niyenzele inceba nani indlu kabawo, nindinike umqondiso wenyaniso;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19