-
-
Xhosa
-
-
26
|Josué 24:26|
Wawabhala uYoshuwa la mazwi encwadini yomyalelo kaThixo, wathabatha ilitye elikhulu, walimisa khona phantsi komoki osendaweni engcwele kaYehova.
-
27
|Josué 24:27|
Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Yabonani, eli litye liya kuba lingqina ngathi; ngokuba liwavile lona onke amazwi kaYehova, awathethileyo nathi; libe lingqina ngani, hleze nimkhanyele uThixo wenu.
-
28
|Josué 24:28|
Wabandulula ke uYoshuwa abantu; elowo waya elifeni lakhe.
-
29
|Josué 24:29|
Kwathi emveni koko, wafa uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.
-
30
|Josué 24:30|
Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnati-sera, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.
-
31
|Josué 24:31|
AmaSirayeli amkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalayo kuYoshuwa, abewazi wonke umsebenzi kaYehova abewenzele amaSirayeli.
-
32
|Josué 24:32|
Amathambo kaYosefu, ababenyuke nawo eYiputa oonyana bakaSirayeli, bawangcwabela kwaShekem, kwisiziba somhlaba awasithengayo uYakobi koonyana bakaHamore, usoShekem, ngekhulu lesilivere; saba lilifa loonyana bakaYosefu.
-
33
|Josué 24:33|
NoElazare unyana ka-Aron wafa; bamngcwabela endulini kaPinehasi, unyana wakhe, awayinikwayo kweleentaba lakwaEfrayim.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10