-
-
Xhosa
-
-
2
|Josué 23:2|
wawabiza uYoshuwa onke amaSirayeli, amadoda awo amakhulu, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nababhali bawo, wathi kubo, Mna ndisendimdala, ndikhulile.
-
3
|Josué 23:3|
Nina nikubonile konke abekwenzile uYehova uThixo wenu kwezo ntlanga zonke ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilweleyo.
-
4
|Josué 23:4|
Khangelani, ndinabele ngamaqashiso nezi ntlanga zisaseleyo, ukuba zibe lilifa lezizwe zenu, zithabathela eYordan, kunye neentlanga zonke endizinqumleyo, zesa kulwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga.
-
5
|Josué 23:5|
NguYehova uThixo wenu oya kuzigxotha ebusweni benu, azigqogqe phambi kwenu, nilihluthe ilizwe lazo, njengoko wathethayo kuni uYehova uThixo wenu.
-
6
|Josué 23:6|
Yomelelani kunene, ukuze nigcine nenze konke okubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, ukuze ningasuki kuwo, nityekele ekunene nasekhohlo;
-
7
|Josué 23:7|
ukuze ningadibani nezi ntlanga ziseleyo, ezi ke zinani, ningalikhankanyi igama loothixo bazo, ningabafungi, ningabakhonzi, ningabanquli.
-
8
|Josué 23:8|
Ize ninamathele kuYehova uThixo wenu, njengoko nikwenzileyo unanamhla.
-
9
|Josué 23:9|
UYehova wazigqogqa ebusweni benu iintlanga ezinkulu, ezinamandla; ke nina akumanga mntu phambi kwenu unanamhla;
-
10
|Josué 23:10|
indoda inye kuni isukele iwaka; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo, njengoko wakuthethayo kuni.
-
11
|Josué 23:11|
Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ukuba nimthande uYehova uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10