-
-
Xhosa
-
-
6
|Josué 22:6|
Wabasikelela uYoshuwa, wabandulula; baya ezintenteni zabo.
-
7
|Josué 22:7|
UMoses ebesinikile ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase eBhashan; esinye isiqingatha saso uYoshuwa wasinika kunye nabazalwana baso nganeno kweYordan, ngasentshonalanga. Kananjalo xenikweni uYoshuwa wasindululela ezintenteni zaso, wasisikelela naso.
-
8
|Josué 22:8|
Wathi kuso, Buyelani ezintenteni zenu, ninobutyebi obukhulu, ninengqwebo eninzi kunene, nesilivere, negolide, nobhedu, nesinyiti, neengubo ezininzi kunene. Yabelanani nabazalwana benu ngamaxhoba eentshaba zenu.
-
9
|Josué 22:9|
Babuya ke oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, besuka koonyana bakaSirayeli eShilo esezweni lakwaKanan, ukuba baye ezweni laseGiliyadi, ezweni lelifa labo, ababelizuzile ngokomlomo kaYehova ngesandla sikaMoses.
-
10
|Josué 22:10|
Bafika emimandleni yaseYordan, esezweni lakwaKanan. Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase bakha khona isibingelelo ngaseYordan, isibingelelo esikhulu, esibonakalayo.
-
11
|Josué 22:11|
Beva ke oonyana bakaSirayeli, kusithiwa, Yabonani, oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bakhe isibingelelo malunga nelizwe lakwaKanan, emimandleni yaseYordan, ngecala elingaphesheya koonyana bakaSirayeli.
-
12
|Josué 22:12|
Beva ke oonyana bakaSirayeli, balibizela ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli eShilo, ukuba kunyukwe kuyiwe kubo, kuliwe nabo.
-
13
|Josué 22:13|
Oonyana bakaSirayeli bathuma uPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,
-
14
|Josué 22:14|
elizweni laseGiliyadi, enezikhulu ezilishumi, sasinye isikhulu, sasinye isikhulu endlwini yooyise ezizweni zonke zakwaSirayeli, zingamadoda aziintloko zezindlu zooyise emawakeni akwaSirayeli.
-
15
|Josué 22:15|
Baya ke koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, ezweni laseGiliyadi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19