-
-
Xhosa
-
-
41
|Josué 21:41|
Iyonke imizi yabaLevi phakathi kwelifa loonyana bakaSirayeli yaba yimizi engamashumi mane anesibhozo, inamadlelo ayo.
-
42
|Josué 21:42|
Yonke loo mizi ngaminye yaba nedlelo layo ngeenxa zonke; kwaba njalo kuloo mizi yonke.
-
43
|Josué 21:43|
UYehova wawanika ke amaSirayeli lonke ilizwe abelifungele ooyise ukuba wobanika; alihlutha ahlala kulo.
-
44
|Josué 21:44|
UYehova wawaphumza ngeenxa zonke, njengako konke awabafungelayo ooyise; akwabakho mntu ezintshabeni zawo zonke umayo phambi kwawo. Zonke iintshaba zawo uYehova wazinikela esandleni sawo.
-
45
|Josué 21:45|
Akuwanga zwi phantsi, emazwini onke alungileyo awawathethayo uYehova kwindlu kaSirayeli; enzeka onke.
-
1
|Josué 22:1|
Wandula uYoshuwa ukuwabiza amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi kuwo,
-
2
|Josué 22:2|
Nikugcinile konke, uMoses umkhonzi kaYehova abeniwisele ngako umthetho, naliphulaphula izwi lam ezintweni zonke endiniwisele umthetho ngazo.
-
3
|Josué 22:3|
Anibashiyanga abazalwana benu ezi mini zininzi unanamhla; ke nisigcinile isigxina somthetho kaYehova uThixo wenu.
-
4
|Josué 22:4|
Kaloku uYehova, uThixo wenu, ubaphumzile abazalwana benu, njengoko wathethayo kubo. Kaloku ke jikani, niye ezintenteni zenu, ezweni lelifa lenu, abeninike lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan.
-
5
|Josué 22:5|
Kodwa gcinani kunene ukuba niwenze umthetho nomyalelo awaniwiselayo uMoses, umkhonzi kaYehova, wokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, niyigcine imithetho yakhe, ninamathele kuye, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19