-
-
Xhosa
-
-
11
|Josué 21:11|
Babanika umzi ka-Arbha, uyise ka-Anaki (ngowaseHebron ke lowo), ezintabeni zakwaYuda, namadlelo ayo ngeenxa zonke.
-
12
|Josué 21:12|
Ke amasimi aloo mzi, nemizana yawo, bawanika uKalebhi unyana kaYefune ukuba abe ngawakhe.
-
13
|Josué 21:13|
Oonyana baka-Aron umbingeleli babanika owaseHebron nedlelo lawo, umzi ke wokusabela umbulali, neLibhena nedlelo layo,
-
14
|Josué 21:14|
neYatire nedlelo layo, ne-Eshtemowa nedlelo layo,
-
15
|Josué 21:15|
neHolon nedlelo layo, neDebhiri nedlelo layo,
-
16
|Josué 21:16|
neAyin nedlelo layo, neYuta nedlelo layo, neBhete-shemeshe nedlelo layo: imizi esithoba kwezo zizwe zibini.
-
17
|Josué 21:17|
Nasesizweni sakwaBhenjamin: iGibheyon nedlelo layo, neGebha nedlelo layo,
-
18
|Josué 21:18|
neAnatoti nedlelo layo, neAlemon nedlelo layo: imizi emine.
-
19
|Josué 21:19|
Iyonke imizi yoonyana baka-Aron, ababingeleli, yabayimizi elishumi elinamithathu inamadlelo ayo.
-
20
|Josué 21:20|
Imizalwane yoonyana bakaKehati, yabaLevi abaseleyo koonyana bakaKehati, yafumana imizi yeqashiso layo esizweni sakwaEfrayim.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10