-
-
Xhosa
-
-
1
|Josué 21:1|
Zasondela iintloko zezindlu zooyise zakwaLevi kuElazare umbingeleli, nakuYoshuwa unyana kaNun, nakwiintloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli;
-
2
|Josué 21:2|
zathetha kubo eShilo ezweni lakwaKanan, zisithi, UYehova wawisa umthetho ngesandla sikaMoses, ukuba sinikwe imizi yokuhlala, namadlelo ayo eenkomo zethu.
-
3
|Josué 21:3|
Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi elifeni labo, ngokomlomo kaYehova, le mizi namadlelo ayo.
-
4
|Josué 21:4|
Laphuma iqashiso nemizalwane yamaKehati; yaba yeyoonyana baka-Aron umbingeleli abangabaLevi, esizweni sakwaYuda, nasesizweni sakwaSimon, nasesizweni sakwaBhenjamin, imizi elishumi elinamithathu ngeqashiso elo.
-
5
|Josué 21:5|
Abanye oonyana bakaKehati bafumana ngeqashiso imizi elishumi emizalwaneni yesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase.
-
6
|Josué 21:6|
Oonyana bakaGershon bafumana ngeqashiso imizi elishumi elinamithathu emizalwaneni yesizwe sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase eBhashan.
-
7
|Josué 21:7|
Oonyana bakaMerari, ngokwemizalwane yabo, bafumana imizi elishumi elinamibini esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon.
-
8
|Josué 21:8|
Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi ngeqashiso loo mizi namadlelo ayo, njengoko uYehova wawisayo umthetho ngesandla sikaMoses.
-
9
|Josué 21:9|
Babanika esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, yona le mizi ibizwa ngegama layo;
-
10
|Josué 21:10|
yaba yeyoonyana baka-Aron emizalwaneni yamaKehati, koonyana bakaLevi; ngokuba laba lelabo iqashiso lokuqala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10