-
-
Xhosa
-
-
6
|Josué 24:6|
Ndabakhupha ooyihlo eYiputa, nafika elwandle; amaYiputa abasukela ooyihlo ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe, beza kuLwandle oluBomvu.
-
7
|Josué 24:7|
Bakhala kuYehova; wabeka isithokothoko phakathi kwenu namaYiputa, wawazisela ulwandle, wawagubungela; amehlo enu akubona oko ndakwenzayo eYiputa. Nahlala entlango imihla emininzi.
-
8
|Josué 24:8|
Ndaningenisa ezweni lama-Amori, abehleli phesheya kweYordan, alwa nani; ndawanikela esandleni senu, nalihlutha ilizwe lawo; ndawatshabalalisa phambi kwenu.
-
9
|Josué 24:9|
Wesuka uBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi, walwa namaSirayeli; wathuma, wabiza uBhileham unyana kaBhehore, ukuba aniqalekise.
-
10
|Josué 24:10|
Andavuma ukumphulaphula uBhileham; wanisikelela, akayeka, ndanihlangula esandleni sakhe.
-
11
|Josué 24:11|
Nayiwela iYordan, nafika eYeriko; balwa nani abemi baseYeriko, ama-Amori, namaPerizi, namaKanan, namaHeti, namaGirgashi, namaHivi, namaYebhusi, ndabanikela esandleni senu.
-
12
|Josué 24:12|
Ndathuma oonomeva phambi kwenu, babagxotha phambi kwenu ookumkani ababini bama-Amori, kungengakrele lakho, kungengasaphetha sakho.
-
13
|Josué 24:13|
Ndaninika ilizwe eningaxhamlekanga ngalo, nemizi eningayakhanga, nahlala ke kuyo; nezidiliya, nezinquma eningazityalanga niyazidla ke.
-
14
|Josué 24:14|
Moyikeni ke ngoko uYehova, nimkhonze ngokugqibeleleyo, nangenyaniso. Susani oothixo, ababekhonza bona ooyihlo phesheya koMlambo, naseYiputa, nimkhonze ke uYehova.
-
15
|Josué 24:15|
Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uYehova, zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza; nokuba ngoothixo ababekhonza bona ooyihlo, ababephesheya koMlambo, nokuba ngoothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10