-
-
Xhosa
-
-
13
|Josué 2:13|
nimsindise ubawo, noma, nabanakwethu, noodade bethu, neento zonke abanazo, niyihlangule imiphefumlo yethu ekufeni.
-
14
|Josué 2:14|
Athi kuyo amadoda lawo, Umphefumlo wethu wofa esikhundleni sowenu, ukuba aniyixelanga le nto yethu; kothi ekunikweni kwethu eli lizwe nguYehova, sikwenzele inceba nenyaniso.
-
15
|Josué 2:15|
Yawahlisa ke ngentsontelo ngefestile; kuba indlu yayo yabe iseludongeni lomzi; yayihleli eludongeni.
-
16
|Josué 2:16|
Yathi kuwo, Yiyani entabeni, hleze baqubisane nani abo banisukelayo; zimelani khona iintsuku zibe ntathu, bade babuye abo banisukelayo, nandule ke ukuhamba indlela yenu.
-
17
|Josué 2:17|
Athi kuyo amadoda lawo, Soba msulwa kwesi sifungo sakho usifungise sona.
-
18
|Josué 2:18|
Uyabona, sakufika kweli lizwe, wobopha intsontelo yosinga olu lubomvu efestileni le usihlise ngayo; uhlanganisele kuwe endlwini yakho uyihlo, nonyoko, nabanakwenu, nendlu yonke kayihlo.
-
19
|Josué 2:19|
Kothi, bonke abasukuba bephuma emnyango endlwini yakho, besiya phandle, igazi labo libe phezu kwentloko yabo, sibe msulwa thina; ke bonke abasukuba bekuwe endlwini, igazi labo loba phezu kwentloko yethu, ukuba kuthe kwasiwa sandla kubo.
-
20
|Josué 2:20|
Ukuba ke uthe wayixela le nto yethu, soba msulwa esifungweni sakho osifungise sona.
-
21
|Josué 2:21|
Yathi ke, Makube njengamazwi enu, kube njalo. Yawandulula, ahamba ke. Yayibopha intsontelo ebomvu efestileni.
-
22
|Josué 2:22|
Ahamba ke aya entabeni, ahlala khona iintsuku zantathu, bada babuya abo bawasukelayo; bafuna abo bawasukelayo endleleni yonke, abawafumana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10