-
-
Xhosa
-
-
8
|Josué 5:8|
Kwathi bakuba belugqibile ukulwalusa lonke uhlanga, bahlala endaweni yabo eminqubeni bada baphola.
-
9
|Josué 5:9|
Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhla ingcikivo yeYiputa ndiyiqengqile, yesuka kuni; kwathiwa igama laloo ndawo yiGiligali unanamhla.
-
10
|Josué 5:10|
Bamisa iintente oonyana bakaSirayeli eGiligali, benza ipasika ngosuku lweshumi elinesine lwenyanga, ngokuhlwa, ezinkqantosini zaseYeriko.
-
11
|Josué 5:11|
Badla iziveliso zelo zwe ngengomso lepasika, izonka ezingenagwele namakhweba, ngenkqu yayo loo mini.
-
12
|Josué 5:12|
Yaphela imana ngengomso, emva kokudla kwabo iziveliso zelo zwe; ababa saba namana oonyana bakaSirayeli; badla ungeniselo lwelo zwe lakwaKanan ngaloo mnyaka.
-
13
|Josué 5:13|
Kwathi, xa ebeseYeriko, uYoshuwa wawaphakamisa amehlo akhe, wakhangela, wabona kumi indoda malunga naye, ithe rhuthu ikrele layo ngesandla. Waya uYoshuwa kuyo, wathi kuyo, Ungakuthi, ungakwiintshaba zethu, kusini na?
-
14
|Josué 5:14|
Yathi, Hayi, ndingumthetheli womkhosi kaYehova; ndifikile ngoku. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe emhlabeni, waqubuda, wathi kuyo, Ithetha ntoni na ke inkosi yam kumkhonzi wayo?
-
15
|Josué 5:15|
Wathi umthetheli womkhosi kaYehova kuYoshuwa, Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho; kuba loo ndawo umi kuyo ingcwele. Wenjenjalo uYoshuwa.
-
1
|Josué 6:1|
Ke iYeriko ibihleli ivaliwe ngenxa yoonyana bakaSirayeli; akwabakho uphumayo, akwabakho ungenayo.
-
2
|Josué 6:2|
Wathi uYehova kuYoshuwa, Khangela, ndiyinikele esandleni sakho iYeriko, nokumkani wayo, namagorha anobukroti,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10