-
-
Xhosa
-
-
22
|Josué 4:22|
nobazisa oonyana benu, nithi, AmaSirayeli ayiwela le Yordan, ehamba emhlabeni owomileyo;
-
23
|Josué 4:23|
kuba oko uYehova uThixo wenu wenza ukuba atshe amanzi aseYordan phambi kwenu, nada nawela; waxelisa oko uYehova uThixo wenu wakwenzayo kuLwandle oluBomvu, lona wenza ukuba lutshe phambi kwethu, sada sawela;
-
24
|Josué 4:24|
ukuze zonke izizwe zehlabathi zisazi isandla sikaYehova ukuba somelele; ukuze nimoyike uYehova uThixo wenu imihla yonke.
-
1
|Josué 5:1|
Kwathi, xenikweni bevayo bonke ookumkani bama-Amori, ababephesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababengaselwandle, ukuba uYehova wenze ukuba atshe amanzi eYordan phambi koonyana bakaSirayeli, bada bawela; zasuka zanyibilika iintliziyo zabo, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kubo phambi koonyana bakaSirayeli.
-
2
|Josué 5:2|
Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa, Zenzele iintshengece, uphinde okwesibini ukubalusa oonyana bakaSirayeli.
-
3
|Josué 5:3|
Wazenzela ke uYoshuwa iintshengece, wabalusa oonyana bakaSirayeli endulini yenyama yokwaluswa.
-
4
|Josué 5:4|
Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse: bonke abantu ababephume eYiputa bengamadoda, onke amadoda okulwa, afela entlango endleleni, ekuphumeni kwawo eYiputa.
-
5
|Josué 5:5|
Kuba baye balukile bonke abantu abo baphumayo; ke bonke abantu ababezalelwe entlango endleleni, ekuphumeni kwabo eYiputa, babengalukanga.
-
6
|Josué 5:6|
Kuba oonyana bakaSirayeli bahamba iminyaka emashumi mane entlango, lwada lwaphela lonke uhlanga olungamadoda okulwa awaphumayo eYiputa, angaliphulaphulanga izwi likaYehova; awawafungelayo uYehova ukuba akayi kuwabonisa elo zwe, walifungela ooyise ukuba uya kusinika, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
-
7
|Josué 5:7|
Ke oonyana babo, awabavelisayo esikhundleni sabo, wabalusa bona uYoshuwa; kuba babengalukile, ngokuba babengabalusanga endleleni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4