-
-
Xhosa
-
-
17
|Jueces 5:17|
UGiliyadi phesheya kweYordan walala, akalwa; UDan ke yena walibala yini na ngasezinqanaweni? UAshere wahlala ngaselunxwemeni lolwandle. Walala phantsi ngasemachwebeni alo, akalwa.
-
18
|Jueces 5:18|
AmaZebhulon ngabantu ababenza isichenge ubomi babo ekufeni, NamaNafetali, ezindaweni eziphakamileyo zelizwe.
-
19
|Jueces 5:19|
Kwafika ookumkani, balwa, Baza ookumkani bakwaKanan balwa ETahanaki, ngasemanzini aseMegido; Abathimba neqhosha lesilivere.
-
20
|Jueces 5:20|
Zalwa ezulwini, Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.
-
21
|Jueces 5:21|
Umlanjana waseKishon wabakhukulisa, Umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon. Nyathela ngamandla, mphefumlo wam.
-
22
|Jueces 5:22|
Aza angqisha ke ngamanqina amahashe Ngokuphala, ngokuphala anamandla kuwo.
-
23
|Jueces 5:23|
Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova, Qalekisani, qalekisani abemi bakhona. Ngokuba bengezanga kunceda uYehova, Kunceda uYehova phakathi kwamagorha.
-
24
|Jueces 5:24|
Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli, UmkaHebhere umKeni. Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni.
-
25
|Jueces 5:25|
Wacela amanzi, wamnika amasi, Ngesitya sezinhanha wasondeza ingqaka.
-
26
|Jueces 5:26|
Wasa isandla sakhe esikhonkwaneni, Wasa esokunene esandweni sabasebenza kanzima, Wamkhanda uSisera, wamhlekeza intloko, Wamhlaba, wambhodloza ezintlafunweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10