-
-
Xhosa
-
-
16
|Jueces 6:16|
Wathi uYehova kuye, Ndiya kuba nawe, uwabulale amaMidiyan njengandoda-nye.
-
17
|Jueces 6:17|
Wathi kuye, Ukuba ndibabalwe nguwe, khawundenzele umqondiso wokuba nguwe othetha nam.
-
18
|Jueces 6:18|
Musa ukumka apha, ndide ndize kuwe, ndirhole umnikelo wam, ndiwubeke phambi kwakho.
-
19
|Jueces 6:19|
Wathi, Ndohlala mna, ude ubuye. UGidiyon waya walungisa itakane lebhokhwe, nezonka ezingenagwele ze-efa yomgubo ocoliweyo; inyama wayibeka engobozini, umhluzi wawugalela embizeni, wazisa kuye phantsi komoki, wasondeza.
-
20
|Jueces 6:20|
Sathi kuye isithunywa sikaThixo, Thabatha inyama nezonka ezingenagwele, uzibeke phezu kweli litye, uwuphalazele kulo umhluzi. Wenjenjalo.
-
21
|Jueces 6:21|
Saza isithunywa sikaYehova sesa incam yentonga esesandleni saso, sachukumisa inyama nezonka ezingenagwele; wenyuka umlilo elityeni, wayidla inyama nezonka ezingenagwele, saza isithunywa sikaYehova semka ke emehlweni akhe.
-
22
|Jueces 6:22|
Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.
-
23
|Jueces 6:23|
UYehova wathi kuye, Uxolo malube kuwe; musa ukoyika, akuyi kufa.
-
24
|Jueces 6:24|
UGidiyon wakha khona isibingelelo kuYehova, wathi igama laso nguYehova-uluxolo; sisekho nanamhla eOfra yama-Abhihezere.
-
25
|Jueces 6:25|
Kwathi ngobo busuku, wathi uYehova kuye, Thabatha inkunzi yenkomo eyekayihlo, eyesibini inkunzi eminyaka isixhenxe, usidilize isibingelelo sikaBhahali sikayihlo, umgawule uAshera ongakuso;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10