-
-
Xhosa
-
-
6
|Jueces 7:6|
Inani labaselayo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.
-
7
|Jueces 7:7|
Wathi uYehova kuGidiyon, Ndiya kunisindisa ngala madoda amakhulu mathathu akramnceleyo, ndiwanikele amaMidiyan esandleni sakho. Bonke abanye abantu mabagoduke, elowo aye endaweni yakhe.
-
8
|Jueces 7:8|
Bawuphatha abantu abo umphako ngesandla sabo, nezigodlo zabo. Wawandulula onke amadoda akwaSirayeli, ukuba ileyo iye ententeni yayo; wagcina amadoda lawo amakhulu mathathu. Umkhosi wamaMidiyan waba ngezantsi kwakhe entilini.
-
9
|Jueces 7:9|
Kwathi ngobo busuku, uYehova wathi kuye, Vuka, uhle uye empini; ngokuba ndiyinikele esandleni sakho.
-
10
|Jueces 7:10|
Ukuba uyoyika ukuhla, yihla nomfana wakwakho uFura,
-
11
|Jueces 7:11|
uye empini, uve into abayithethayo; emveni koko siya komelela isandla sakho. Yihla ke uye empini. Wehla ke yena noFura, umfana wakwakhe, baya ekupheleni kwabaxhobileyo abasempini.
-
12
|Jueces 7:12|
AmaMidiyan nama-Amaleki nabasempumalanga bonke babelele entilini benjengeenkumbi ukuba baninzi; neenkamela zawo zibe zingenakubalwa, njengentlabathi yonxweme lolwandle ukuba zininzi.
-
13
|Jueces 7:13|
Wafika uGidiyon; nantso indoda ixelela ummelwane wayo iphupha, isithi, Yabona, ndiphuphe iphupha; ndibone kuqengqeleka isonka serhasi sisiza emkhosini wamaMidiyan, sifike ententeni, sibethe iwe, ithi bhukuqu intente, ithi bhuma.
-
14
|Jueces 7:14|
Waphendula ummelwane wayo wathi, Loo nto kunje likrele likaGidiyon, unyana kaYowashe, indoda yakwaSirayeli; uThixo uwanikele amaMidiyan nomkhosi wonke esandleni sakhe.
-
15
|Jueces 7:15|
Kwathi, akukuva uGidiyon ukuxelwa kwephupha nokutyhilwa kwalo, wanqula, wabuyela emkhosini wamaSirayeli, wathi, Vukani, ngokuba uYehova uyinikele impi yamaMidiyan esandleni senu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10