-
-
Xhosa
-
-
16
|Jueces 7:16|
Wawahlula aba ngamaqela omathathu amadoda lawo amakhulu mathathu; wabeka izigodlo esandleni sawo onke, nemiphanda engenanto, nezikhuni ezivuthayo ngaphakathi kwemiphanda leyo.
-
17
|Jueces 7:17|
Wathi kuwo, Khangelani kum, nenjenje: yabonani, ndakufika ekupheleni kwempi, nothi njengoko ndenza ngako mna, nenjenjalo nina.
-
18
|Jueces 7:18|
Ndovuthela ngezigodlo mna, nabo bonke abanam, nivuthele ke ngezigodlo nani ngeenxa zonke emkhosini, nithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!
-
19
|Jueces 7:19|
Wafika ke uGidiyon, nekhulu lamadoda elinaye, ekupheleni kwempi, ekuqalekeni komlindo ophakathi kobusuku, bakuthÂ’ ukuthi ukumiswa abalindi. Lavuthela ngezigodlo, liyiqhekeza imiphanda esezandleni zalo.
-
20
|Jueces 7:20|
Avuthela ke ngezigodlo amaqela omathathu, ayiqhekeza imiphanda; aziphatha izibane ezivuthayo ngezandla zawo zokhohlo, awaphatha amaxilongo ngezandla zawo zokunene, ukuba avuthele; adanduluka esithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!
-
21
|Jueces 7:21|
Ema onke ezindaweni zawo ngeenxa zonke empini. Yasaba yonke impi, yakhala, yasabisa.
-
22
|Jueces 7:22|
Amakhulu omathathu avuthela ngezigodlo. UYehova walibhekisa ikrele lendoda kummelwane wayo, nakwimpi yonke; yasaba impi, yasinga eBhete-shita ngaseTserera, yasinga emdeni weAbhele-mehola ngaphaya kweTabhata.
-
23
|Jueces 7:23|
Wahlatyelwa umkhosi, weza umntu wakwaSirayeli ephuma kwaNafetali, nakwa-Ashere, nakuManase wonke, wawasukela amaMidiyan.
-
24
|Jueces 7:24|
UGidiyon wathuma abathunywa kweleentaba lonke lakwaEfrayim, esithi, Yihlani niwahlangabeze amaMidiyan, niwaphangele ukuthabatha amanzi, nise eBhete-bhara neYordan. Wahlatywa umkhosi, beza abantu bonke bakwaEfrayim, baphangela ukuwathabatha amanzi lawo, besa eBhete-bhara neYordan.
-
25
|Jueces 7:25|
Bababamba abathetheli ababini bamaMidiyan, uOrebhe noZebhe; bambulalela uOrebhe eweni likaOrebhe, uZebhe bambulalela esixovulelweni sikaZebhe, bawasukela amaMidiyan. Beza nentloko kaOrebhe nekaZebhe kuGidiyon phesheya kweYordan.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10